Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 102:8-12 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ziyandigxibha yonk' imini iintshaba zam;ziphoxisa ngam, ziqalekisana ngegama lam.

9. Ndinesingqala, ukutya akuvumi kuhla;intw' endiyiselayo seliziinyembezi zam.

10. Loo ntw' ibangwa yingqumbo nomsindo wakho;kaloku wena undifunqule wandilahla kwesinomhlwa.

11. Seligqithe njengamathunz' okuhlwa imihla yam;selide yabuna okwengca elahliweyo.

12. Kodwa wena, Ndikhoyo,uya kulawula kude kube ngunaphakade;ziya kubalisa ngawe zonk' izizukulwana.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 102