Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 102:11-28 Ibhayibhile (XHO96)

11. Seligqithe njengamathunz' okuhlwa imihla yam;selide yabuna okwengca elahliweyo.

12. Kodwa wena, Ndikhoyo,uya kulawula kude kube ngunaphakade;ziya kubalisa ngawe zonk' izizukulwana.

13. Uya kuhlabeka, uyisizele iZiyon;ewe, ixesha lokuyenzel' inceba selifikile,seligalelekile.

14. Ziyayithand' izicaka zakho, naxa seliziindonga nje;ziyahlabeka xa ziyibona selingamabhodlo iZiyon.

15. Zolihlonel' igama likaNdikhoyo zonk' iintlanga,neekumkani zonke zisibeke isihomo sakhe.

16. Kuba kaloku uNdikhoyo woyivusa iZiyon,sicace ke isidima nesithozela sakhe.

17. Uyawuva umthandazo weendwayi,azisabele nezicelo zazo.

18. Le mbali mayibhalelwe isizukulwana esizayoze bamdumise uNdikhoyo nâbo bangekazalwa.

19. Kaloku wakhangela phantsi yena ephezulu uNdikhoyo,nditsho uNdikhoyo *esesibingelelweni sakhe;wajong' emhlabeni esezulwini yena,

20. ukuze akuve ukuncwina kwababanjiweyo,nokuze abakhulule abo bagwetyelwe ukufa.

21. Yiyo ke loo nto baya kuyivakalisa eZiyon indumiso yakhe,bambonge naseJerusalem uNdikhoyo,

22. apho sukuba zihlangen' iintlanga nezizwe,zize kudumisa zinqule uNdikhoyo.

23. Mna uNdikhoyo wandaphul' iimpondo ndiselula,wayifinyeza imihla yobomi bam.

24. Kodwa ndazibika ndathi: “Thixo wam,sukundithatha kwangoku ndingekaluphali.“Wena uzityhutyha zonke izizukulwana;

25. ladalwa nguwe kwantlandlolo ihlabathi;enziwa nguwe nawo amazulu.

26. Xa zizonke ziya kudlula, ube wena usahleli;ziya kuguga njengeempahla,uzisonge njengeengubo.Zona ziya kutshintshwa njengesambatho,

27. ube wena ungaguquki, ube wena ungagugi.

28. Iintsapho zethu zohlala zikhuselekile,nenzala yabo yohlala phantsi kwekhusi lakho.”

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 102