Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 9:7-21 Ibhayibhile (XHO96)

7. Wandula ke uMosis ukuthi kuAron: “Yiz' aph' eqongeni lamadini, wenze idini lokucamagushela isono, kunye nedini elitshiswayo, ngenxa yezono zakho kunye nezabantu. Le nto yenze ngokomyalelo kaNdikhoyo.”

8. UAron waya eqongeni, wafika walixhela ithole lenkomo elalilidini lokucamagushela izono zakhe.

9. Oonyana bakhe bazisa igazi kuye, waza uAron wathi nkxu kulo umnwe, waza watyikila ngalo iimpondo ezikwiikona zone zeqonga. Eliseleyo waliphalaza emazantsi eqonga.

10. Amanqatha nezintso nomhlehlo wedini lesono wazitshisa apho eqongeni ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.

11. Kodwa yona inyama nofele wazitshisela ngaphandle kwelali.

12. UAron ubuye waxhela into yokuzenzela idini elitshiswayo. Beze negazi layo kuye oonyana bakhe, waza wafefa ngalo kumacala onke eqonga.

13. Bamnika intloko kunye nezinye iinyama, waza wazitshisa apho eqongeni.

14. Emva koko uthathe izibilini nemilenze, wazihlamba, waza wazitshisa apho eqongeni ngaphezu kwelaa dini litshiswayo.

15. Akugqiba unikele idini labantu. Uxhele laa bhokhwe yokucamagushela izono zesizwe, wayinikela njengoko enzile ngokuya ebenikela idini lezakhe izono.

16. Ubuye walisondeza ngokusesikweni kwanalo idini elitshiswayo.

17. Usondeze nomnikelo wokutya, wathatha kangangesandla kuwo, wawutshisa apho eqongeni. Yonke le nquleqhu yongeza kumadini atshiswa kusasa.

18. Waxhela inkomo nenkunzi yegusha, wenzela ngazo abantu amadini obudlelane. Oonyana bakhe bamzisela igazi, watshiza ngalo kumacala onke eqonga.

19. Uthathe amanqatha aloo nkomo naloo gusha uAron, – umsila, namanqatha, namanqatha ezintso, nomhlehlo –

20. wawabeka phezu kweencum zazo, waza yonke loo nto wayisa eqongeni. Amanqatha uwatshisele apho eqongeni,

21. waza iincum zona kunye nemilenze yasekunene waziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo ngokomnikelo, kanye njengoko ebetshilo uMosis.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 9