Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 9:6-10 Ibhayibhile (XHO96)

6. Wabhekisa ebantwini uMosis, wathi: “NguNdikhoyo lo uthe makwenziwe le nquleqhu yonke, khon' ukuze kutyhileke kuni ukubengezela kwesihomo sakhe.”

7. Wandula ke uMosis ukuthi kuAron: “Yiz' aph' eqongeni lamadini, wenze idini lokucamagushela isono, kunye nedini elitshiswayo, ngenxa yezono zakho kunye nezabantu. Le nto yenze ngokomyalelo kaNdikhoyo.”

8. UAron waya eqongeni, wafika walixhela ithole lenkomo elalilidini lokucamagushela izono zakhe.

9. Oonyana bakhe bazisa igazi kuye, waza uAron wathi nkxu kulo umnwe, waza watyikila ngalo iimpondo ezikwiikona zone zeqonga. Eliseleyo waliphalaza emazantsi eqonga.

10. Amanqatha nezintso nomhlehlo wedini lesono wazitshisa apho eqongeni ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 9