Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 9:14-24 Ibhayibhile (XHO96)

14. Emva koko uthathe izibilini nemilenze, wazihlamba, waza wazitshisa apho eqongeni ngaphezu kwelaa dini litshiswayo.

15. Akugqiba unikele idini labantu. Uxhele laa bhokhwe yokucamagushela izono zesizwe, wayinikela njengoko enzile ngokuya ebenikela idini lezakhe izono.

16. Ubuye walisondeza ngokusesikweni kwanalo idini elitshiswayo.

17. Usondeze nomnikelo wokutya, wathatha kangangesandla kuwo, wawutshisa apho eqongeni. Yonke le nquleqhu yongeza kumadini atshiswa kusasa.

18. Waxhela inkomo nenkunzi yegusha, wenzela ngazo abantu amadini obudlelane. Oonyana bakhe bamzisela igazi, watshiza ngalo kumacala onke eqonga.

19. Uthathe amanqatha aloo nkomo naloo gusha uAron, – umsila, namanqatha, namanqatha ezintso, nomhlehlo –

20. wawabeka phezu kweencum zazo, waza yonke loo nto wayisa eqongeni. Amanqatha uwatshisele apho eqongeni,

21. waza iincum zona kunye nemilenze yasekunene waziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo ngokomnikelo, kanye njengoko ebetshilo uMosis.

22. Uthe uAron akugqiba ukwenza onke loo madini, waphakamisela izandla zakhe ngasebantwini ebasikelela, waza wasuka eqongeni.

23. Ubuye waya kungena esibingelelweni kunye noMosis, baza bathi bakuba bebuye baphuma, basikelela abantu. Suka kwatyhileka kubantu bonke ukubengezela kwesihomo sikaNdikhoyo.

24. Suka kwaphuma umlilo kuNdikhoyo, watshisa elo dini naloo manqatha ebephezu kweqonga. Bathi bakuyibona loo nto abantu, baduma bonke, bee qubudu bawa ngobuso.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 9