Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 9:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngomhla wesibhozo emva komsitho womiselo lwababingeleli uMosis wabiza uAron kunye noonyana bakhe, kwakunye namadoda amakhulu akwaSirayeli,

2. wathi kuAron: “Thatha inkunzana yenkomo kunye nenkunzi yegusha ezingenasiphako, wenzele ngazo *uNdikhoyo idini, inkunzi yenkomo ibe lidini lokucamagushela isono, ize eyegusha yona ibe lidini elitshiswayo.

3. Yitsho amaSirayeli eze nenkunzi yebhokhwe ibe lidini lokucamagusha, nethole elinonyaka, netakane elinonyaka, zingabi nasiphako, zona zibe ngamadini atshiswayo,

4. kwakunye nenkomo nenkunzi yegusha, zona zibe ngamadini obudlelane. Kufuneka kwenziwe amadini ngazo, kwakunye nokutya okuxutywe namafutha. Kufuneka niyenze le nto, kuba kaloku uNdikhoyo uza kunivelela namhlanje.”

5. Zeziswa zonke ezo zinto wayethe maziziswe uMosis ngaphambili *kwesibingelelo, laza lonke ibandla lakwaSirayeli lee thande apho phambi koNdikhoyo.

6. Wabhekisa ebantwini uMosis, wathi: “NguNdikhoyo lo uthe makwenziwe le nquleqhu yonke, khon' ukuze kutyhileke kuni ukubengezela kwesihomo sakhe.”

7. Wandula ke uMosis ukuthi kuAron: “Yiz' aph' eqongeni lamadini, wenze idini lokucamagushela isono, kunye nedini elitshiswayo, ngenxa yezono zakho kunye nezabantu. Le nto yenze ngokomyalelo kaNdikhoyo.”

8. UAron waya eqongeni, wafika walixhela ithole lenkomo elalilidini lokucamagushela izono zakhe.

9. Oonyana bakhe bazisa igazi kuye, waza uAron wathi nkxu kulo umnwe, waza watyikila ngalo iimpondo ezikwiikona zone zeqonga. Eliseleyo waliphalaza emazantsi eqonga.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 9