1. Ngomhla wesibhozo emva komsitho womiselo lwababingeleli uMosis wabiza uAron kunye noonyana bakhe, kwakunye namadoda amakhulu akwaSirayeli,
2. wathi kuAron: “Thatha inkunzana yenkomo kunye nenkunzi yegusha ezingenasiphako, wenzele ngazo *uNdikhoyo idini, inkunzi yenkomo ibe lidini lokucamagushela isono, ize eyegusha yona ibe lidini elitshiswayo.