Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 8:5-13 Ibhayibhile (XHO96)

5. “Le nto ndiza kuyenza ngoku yinto endiyithunywe nguNdikhoyo.”

6. UMosis wathi uAron noonyana bakhe mabasondele, waza wabahlamba ngamanzi.

7. Unxibe uAron ihempe, wamthi wambu ngomnweba, wamfaka umxwayo, waza wamfaka *isidanga, wasiqhobosha esinqeni ngebhanti esontwe ngobunono.

8. Kweso sidanga sisesifubeni wafaka *iiurim neethumim.

9. Umthwalise iqhiya entloko, waza kuyo waqhoboshela isihombiso esenziwe ngegolide, esiluphawu lokwahlulelwa uNdikhoyo. Wenza kanye njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo uMosis.

10. UMosis uthathe amafutha, wathambisa isibingelelo nazo zonke izinto ezingaphakathi kwaso, waza ngokwenjenjalo wazahlulela uThixo.

11. Ufefe iqonga kasixhenxe ngamafutha aseleyo, kunye nempahla yalo yonke, nesitya sokuhlambela, kwanamazantsi aso, zonke ezo zinto ezahlulela uThixo.

12. Waza wammisela uAron, emahlulela uNdikhoyo, ngokumgalela inxenye yamafutha entloko.

13. Emva koko uMosis uthathe oonyana baka-Aron, wabanxiba iihempe, wabafaka imixwayo, wabathwesa iminqwazi, njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 8