Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 8:27-36 Ibhayibhile (XHO96)

27. Uzithathe zonke, wazinika uAron noonyana bakhe, bona baziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo zangumnikelo.

28. Uphinde wazithatha kubo uMosis, wazitshisa apho eqongeni, ngaphezu kwelaa dini litshiswayo, zalidini lokumisela. Lo ngumnikelo owenziwa ngomlilo, ovumba lithandekayo kuNdikhoyo.

29. UMosis uthathe incum wayiwanga-wangisa yangumnikelo kuNdikhoyo. Le yayiyinxaxheba kaMosis yedini lomiselo lwababingeleli. UMosis wenza kanye njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

30. UMosis uthathe inxalenye yamafutha okuthambisa, nenxalenye yegazi elaliseqongeni, watshiza uAron noonyana bakhe kwankqu nezivatho zabo. Wenjenjalo ukubahlulela uNdikhoyo kwanezambatho zabo nazo.

31. Uthe uMosis kuAron noonyana bakhe: “Le nyama yiseni ekungeneni kwesibingelelo, nize niyipheke apho, niyitye nesiya sonka sisebhaskitini yamadini okumisela ababingeleli, ngokomyalelo kaNdikhoyo.

32. Ze niyitshise yonke inyama eseleyo nesonka esiseleyo.

33. Ze ningemki apho ekungeneni kwesibingelelo kude kube ziintsuku ezisixhenxe, ude ube ke udlule umsitho wokumiselwa kwenu.

34. UNdikhoyo usiyalele ukuba senze le nto siyenzileyo namhlanje kuni ukususa isono senu.

35. Ze nihlale ke phaya ekungeneni kwesibingelelo ubusuku nemini, kude kube ziintsuku ezisixhenxe, nithobela umyalelo kaNdikhoyo. Niya kufa ukuba aniyenzi loo nto. Yinto ethethwe nguNdikhoyo leyo ke kum.”

36. UAron noonyana bakhe ke bênza njengoko uNdikhoyo wayeyalele uMosis.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 8