Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 8:25-30 Ibhayibhile (XHO96)

25. UMosis uthathe amanqatha, nomsila, namanqatha ezibilini, umhlehlo, nezintso namanqatha azo, kunye nomlenze wasekunene.

26. Emva koko uthathe isonka sasinye esingenagwele kulaa bhaskiti iphambi koNdikhoyo, wathatha nesonka esenziwe ngamafutha, neqebengwana lalinye, waza wazibeka ngaphezu kwamanqatha nomlenze.

27. Uzithathe zonke, wazinika uAron noonyana bakhe, bona baziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo zangumnikelo.

28. Uphinde wazithatha kubo uMosis, wazitshisa apho eqongeni, ngaphezu kwelaa dini litshiswayo, zalidini lokumisela. Lo ngumnikelo owenziwa ngomlilo, ovumba lithandekayo kuNdikhoyo.

29. UMosis uthathe incum wayiwanga-wangisa yangumnikelo kuNdikhoyo. Le yayiyinxaxheba kaMosis yedini lomiselo lwababingeleli. UMosis wenza kanye njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo.

30. UMosis uthathe inxalenye yamafutha okuthambisa, nenxalenye yegazi elaliseqongeni, watshiza uAron noonyana bakhe kwankqu nezivatho zabo. Wenjenjalo ukubahlulela uNdikhoyo kwanezambatho zabo nazo.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 8