Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 8:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathi kuMosis:

2-3. “Yiya noAron kunye noonyana bakhe ekungeneni *kwesibingelelo, uphathe nezivatho zababingeleli, kunye namafutha okuthambisa, nenkunzi yenkomo yedini lokungxengxezela izono, iinkunzi ezimbini zeegusha, kunye nebhaskiti enezonka ezingenagwele. Uze ke ubize umzi wakwaSirayeli uphela.”

4. UMosis wenza njengoko wayeyalelwe nguNdikhoyo, waza wenjenje ukuthetha ebhekisa kwelo bandla elalithe nqwadalala ekungeneni kwesibingelelo:

5. “Le nto ndiza kuyenza ngoku yinto endiyithunywe nguNdikhoyo.”

6. UMosis wathi uAron noonyana bakhe mabasondele, waza wabahlamba ngamanzi.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 8