Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 7:7-13 Ibhayibhile (XHO96)

7. Inye inkqubo ephathelele kumadini esono nakumadini entlawulo. Loo nyama iba yeyombingeleli owenza idini.

8. Kwanalo ufele lwento yedini elitshiswayo luba lolwaloo mbingeleli wenza idini.

9. Wonke umnikelo wento eziinkozo ebhakiweyo okanye eyenziwe ngepani, okanye egcadiweyo, uba ngowombingeleli lowo ubewunikela.

10. Umnikelo wokutya, nokuba uxutywe namafutha, nokuba womile, woba ngowababingeleli bebonke, yaye ke mabahlulelane ngako ngokulinganayo.

11. Nantsi inkqubo ephathelele kumadini obudlelane enzelwa *uNdikhoyo:

12. Xa umntu esenza idini lobudlelane ebulela, makeze naloo nto iza kuxhelwa kwakunye nesonka esingenagwele, nokuba sisonka esiqatywe amafutha omnquma, okanye amaqebengwana aqatywe amafutha omnquma, kungenjalo amaqebengwana enziwe ngomgubo oxutywe namafutha omnquma.

13. Kweli dini lobudlelane, elikwalidini lokubulela, kufuneka ongezelele ngezonka ezinegwele.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 7