Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 7:29-38 Ibhayibhile (XHO96)

29. makagqithisele nale mimiselo kumaSirayeli: Umntu owenza idini lobudlelane makakhuphe isabelo esithile, asinikele kuNdikhoyo,

30. eze naso ngokwakhe, sibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. Makeze namanqatha aso kunye nencum, aziwanga-wangise zibe ngumnikelo owanga-wangiselwa uNdikhoyo.

31. Loo manqatha umbingeleli wowatshisa apho eqongeni, kodwa yona incum yeyababingeleli.

32-33. Umlenze wasekunene wona woba yinxaxheba yombingeleli obenikela igazi kunye namanqatha elo dini lobudlelane.

34. Incum ewanga-wangisiweyo nalo mlenze wasekunene yinxaxheba emayikhutshelwe ababingeleli ngamaSirayeli ngalo lonke ixesha.

35. Le yinxaxheba kaNdikhoyo eyaxhanyulwa nguAron nangoonyana bakhe mhla bamiselwa ebubingelelini.

36. Ngaloo mini yokuthanjiswa kwababingeleli uNdikhoyo wathi amaSirayeli makakhuphe eso sabelo sedini sibe yinxaxheba yabo. Lo ngummiselo omawuhlale uhleli.

37. Nantso ke imiyalelo yaxa kusenziwa amadini atshiswayo, nawokutya, nawokungxengxezela izono, kunye nawentlawulo, amadini okumisela ababingeleli, kwakunye nawobudlelane.

38. Kwakusentabeni iSinayi entlango ngamhla uNdikhoyo wayinika uMosis le miyalelo yokwenziwa kwamadini ngamaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 7