1. Le yinkqubo ephathelele kumadini awodwa entlawulo:
2. Ixhoba lokwenza eli dini kufuneka lixhelelwe apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo. Igazi lalo malitshizwe kumacala onke eqonga.
3. Onke amanqatha makakhutshwe abekwe eqongeni: umsila, namanqatha enyama yangaphakathi,
4. izintso kunye namanqatha azo, kwakunye nomhlehlo.
5. Onke loo manqatha umbingeleli makawatshise enzele ngawo *uNdikhoyo umnikelo ngomlilo. Eli ke lidini lokwenza intlawulo.
6. Nayiphi na indoda ephuma kumlibo wababingeleli ingayitya loo nyama. Kodwa kufuneka ityelwe kulaa ndawo ikhethekileyo, kuba kwayona ikhethekile.