Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 6:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. Kufuneka ase kumbingeleli inkunzi yegusha nokuba yeyebhokhwe, kodwa ingabi nasiphako, ibe lidini lentlawulo alenze kuNdikhoyo. Ixabiso layo loba ngangomlinganiselo ovunyiweyo.

7. Elo dini umbingeleli wolinikela phambi koNdikhoyo, libe lelokungxengxezela isono saloo mntu, aze asixolelwe.”

8. *UNdikhoyo wathi uMosis

9. makagqithisele le miyalelo kuAron noonyana bakhe: Idini elitshiswayo kufuneka litshiswe eqongeni ubusuku bonke, umlilo usoloko ukhwezelwa.

10. Umbingeleli ethe wambu umnweba wakhe welinen nebhulukhwe yakhe emfutshane eyenziwe ngelinen, wolususa lonke olo thuthu luphezu kweqonga, aze alubeke apho ngasecaleni leqonga.

11. Aze ke ambathe zivatho zimbi, aluthuthele ngaphandle kwelali olo thuthu kwindawo yalo ekhethekileyo.

12. Umlilo weqonga wona kufuneka uhlale uvutha, ungaze uyekwe ucime. Mihla le kusasa umbingeleli kufuneka awukhwezele umlilo, abeke idini elitshiswayo, aze atshise namanqatha edini lobudlelane.

13. Lo mlilo kufuneka usoloko uvutha apho eqongeni, ungaze uyekwe ucime.

14. Le miyalelo ilandelayo iphathelele kwiminikelo ekukutya. Ngumbingeleli womlibo ka-Aron oya kwenzela *uNdikhoyo iminikelo yokutya phambi kweqonga.

15. Uya kuthatha umgubo wengqolowa kangangesandla, namafutha omnquma, athathe nentlaka yesiqhumiso ebekwa phezu kwazo, aze azitshise apho eqongeni, zibe ngumqondiso wokuba konke oko kutya kunikelwa kuNdikhoyo. Ivumba lalo mnikelo liyathandeka kuNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 6