Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 4:24-35 Ibhayibhile (XHO96)

24. Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele phambi koNdikhoyo kuloo ndawo kwenzelwa kuyo amadini atshisayo. Eli lidini lokucamagushela isono.

25. Umbingeleli wofaka umnwe egazini lebhokhwe leyo, alityikile kwiimpondo ezisezikoneni zeqonga, aze eliseleyo aliphalaze emazantsi eqonga,

26. aze awatshisele apho eqongeni onke amanqatha, kanye njengoko esenza ngawamadini obudlelane. Wokwenjenjalo ke umbingeleli ukunikela idini lokucamagushela umntu oyinkokheli, aze axolelwe isono sakhe.

27. Xa kone umntu nje, abe netyala lokwaphula ummiselo kaNdikhoyo engaqondanga,

28. kuya kuthi nje ukuba asiqonde isono sakhe, kufuneke eze nemazi yebhokhwe engenasiphako, ukuze angxengxezele isono sakhe.

29. Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele apho kuxhelelwa khona amadini atshiswayo.

30. Umbingeleli wothi nkxu umnwe wakhe egazini layo, alityikile kwiimpondo ezikwiikona zeqonga, aze elinye aliphalaze emazantsi eqonga apho,

31. andule ke athathe onke amanqatha, kanye ngalaa ndlela enza ngayo kumadini obudlelane, aze awatshise apho eqongeni, abe livumba elimnandi kuNdikhoyo. Wenjenjalo ke umbingeleli ukwenzela umntu idini, aze axolelwe izono zakhe.

32. Ukuba kukho umntu ozisa igusha ukuza kwenza idini, mayibe yimazi engenasiphako.

33. Woyibeka isandla entloko, aze ayinqumlele apho kuxhelelwa khona izinto zokwenza amadini atshiswayo.

34. Umbingeleli wothi nkxu umnwe wakhe kwelo gazi layo, alityikile kwiimpondo ezisezikoneni zeqonga, eliseleyo aliphalaze apho emazantsi eqonga,

35. andule athathe onke amanqatha, kanye njengoko esenza kumadini obudlelane, aze awatshise apho eqongeni kunye nokutya okunikelwa kuNdikhoyo ngomlilo. Wenjenjalo ke umbingeleli xa esenzela umntu idini, khon' ukuze loo mntu axolelwe izono zakhe.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 4