Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 3:7-17 Ibhayibhile (XHO96)

7. Xa iyigusha, loo mntu uyinikelayo makeze nayo phambi koNdikhoyo,

8. ayibeke isandla entloko, ayinqumlele apho phambi kwesibingelelo. Ababingeleli bothi tshize ngegazi layo macala onke eqonga,

9. baze ezi nyama zayo bazinikele kuNdikhoyo: amanqatha, nomsila wonke unqunyulelwe kufuphi nasekuqaleni komqolo, onke amanqatha agqume inyama yangaphakathi,

10. izintso namanqatha azo, nomhlehlo oya kususwa kunye nezintso ezo.

11. Umbingeleli wozitshisa zonke ezi nyama eqongeni, zibe lidini elinikelwa kuNdikhoyo ngomlilo.

12. “Xa ngaba yibhokhwe, loo mntu uyinikelayo makeze nayo phambi koNdikhoyo,

13. ayibeke isandla entloko, ayinqumlele apho ngaphambi kwesibingelelo. Ababingeleli bothi tshize ngegazi layo kumacala onke eqonga,

14. banikele ezi nyama zibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo: amanqatha enyama yangaphakathi,

15. izintso namanqatha azo, umhlehlo oya kususwa kunye nezintso ezo.

16. Umbingeleli wozitshisa zonke ezi nyama eqongeni, zibe lidini lomlilo elivumba lithandekayo kuNdikhoyo. Onke amanqatha ngakaNdikhoyo.

17. Makungabikho mSirayeli utya nqatha nagazi. Lo mmiselo mawugcinwe rhoqo ngamaSirayeli nakwizizukulwana ezizayo.”

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 3