Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 3:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. izintso namanqatha azo, nomhlehlo oya kususwa kunye nezintso ezo.

5. Ababingeleli bowatshisa loo manqatha apho eqongeni ndawonye naloo minikelo itshiswayo. Lo ngumnikelo womlilo. Ivumba ledini lomlilo liyathandeka kuNdikhoyo.

6. “Ukuba yigusha okanye yibhokhwe ekwenziwa ngayo idini lobudlelane, nokuba yinkunzi nokuba yimazi, mayingabi nasiphako.

7. Xa iyigusha, loo mntu uyinikelayo makeze nayo phambi koNdikhoyo,

8. ayibeke isandla entloko, ayinqumlele apho phambi kwesibingelelo. Ababingeleli bothi tshize ngegazi layo macala onke eqonga,

9. baze ezi nyama zayo bazinikele kuNdikhoyo: amanqatha, nomsila wonke unqunyulelwe kufuphi nasekuqaleni komqolo, onke amanqatha agqume inyama yangaphakathi,

10. izintso namanqatha azo, nomhlehlo oya kususwa kunye nezintso ezo.

11. Umbingeleli wozitshisa zonke ezi nyama eqongeni, zibe lidini elinikelwa kuNdikhoyo ngomlilo.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 3