Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 3:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Xa kukho umntu onikela ngenkomo ukuba kwenziwe ngayo idini lobudlelane, loo nkomo mayibe yinkunzi okanye imazi engenasiphako.

2. Loo mntu unikelayo makabeke isandla phezu kwentloko yaloo nkomo, aze ayihlabe apho esangweni *lesibingelelo *sikaNdikhoyo. Ababingeleli bomlibo ka-Aron bona bothi tshize ngegazi elo kumacala onke eqonga.

3. Kweli dini lobudlelane mabenze umnikelo womlilo ngezi nyama: onke amanqatha enyama yangaphakathi,

4. izintso namanqatha azo, nomhlehlo oya kususwa kunye nezintso ezo.

5. Ababingeleli bowatshisa loo manqatha apho eqongeni ndawonye naloo minikelo itshiswayo. Lo ngumnikelo womlilo. Ivumba ledini lomlilo liyathandeka kuNdikhoyo.

6. “Ukuba yigusha okanye yibhokhwe ekwenziwa ngayo idini lobudlelane, nokuba yinkunzi nokuba yimazi, mayingabi nasiphako.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 3