Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 2:11-16 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Konke ukutya okunikelwa kuNdikhoyo makungabi nagwele. Ungaze ufake igwele okanye ubusi kukutya okunikelwa kuNdikhoyo ngomlilo.

12. Umnikelo wolibo lwesivuno sengqolowa ungásondezwa kuNdikhoyo yonke iminyaka, phofu ungàtshiswa eqongeni ngenjongo yokwenza ivumba elimyoli.

13. Ityiwa mayigalelwe kuwo wonke umnikelo wokutya, kuba kaloku ityiwa yalatha umnqophiso ophakathi kwenu noThixo. Ke ngoko yonke iminikelo mayigalelwe ityiwa.

14. Xa usondeza umnikelo wolibo lwesivuno sengqolowa yiza nomgrayo wengqolowa ogcadiweyo, okanye ingqolowa engqushiweyo.

15. Dibanisa amafutha omnquma, ugalele intlaka yesiqhumiso.

16. Umbingeleli woyitshisa inxalenye yomgubo namafutha kwakunye nentlaka leyo iyonke, oku kube ngumqondiso wokuba yonke loo nto ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo.”

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 2