Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 2:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Xa kukho umntu onikela ukutya *kuNdikhoyo, makube ngumgubo. Makawudibanise namafutha omnquma, aze agalele intlaka yesiqhumiso,

2. awunikezele kubabingeleli bomlibo ka-Aron. Umbingeleli uya kukha kangangesandla kuloo mgubo, udityaniswe namafutha, aze athathe yonke intlaka yesiqhumiso, azitshise apho eqongeni, oku kube ngumqondiso wokuba yonke loo nto ngumnikelo kuNdikhoyo. Ivumba laloo mnikelo womlilo liyathandeka kuNdikhoyo.

3. Okushiyekileyo ke koko kutya kuya kuba koka-Aron noonyana bakhe. Kukutya okukodwa ke oku; kaloku kuthathwe kukutya okunikelwe kuNdikhoyo ngomlilo.

4. “Ukuba umnikelo wenziwa ngesonka sombhako, masibe sisonka somgubo, singabi nagwele. Kungaba sisonka esikhulu esenziwe ngomgubo oxutywe namafutha omnquma, okanye kube ngamaqebengwana aqatywe ngaloo mafutha.

5. “Ukuba umnikelo wenziwa ngesonka esojiwe ngepani, masibe sesomgubo oxutywe namafutha omnquma, kodwa singabi nagwele.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 2