Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 18:6-19 Ibhayibhile (XHO96)

6. UNdikhoyo ke wawisa le mithetho: “Makungabikho ndoda ihlangana nomntu ezalana naye.

7. Uze ungamhlazisi uyihlo ngokuhlangana nonyoko; linyala ukuhlangana nonyoko.

8. Uze ungahlazisi uyihlo ngokuhlangana naye nawuphi na kubafazi bakhe.

9. Ungaze uhlangane nodade wenu, nokuba yintombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, nditsho nokuba ingakhulelanga kowenu.

10. Ungaze uhlangane nomzukulwana wakho; linyala elo.

11. Ungaze uhlangane nentombi yeqadi; ngudade wenu lowo.

12. Ungaze uhlangane nodade boyihlo

13. okanye unyokokazi.

14. Ungaze uhlangane nomka-yihlo-mncinci okanye kanyokolume.

15. Ungaze uhlangane nomolokazana wakho,

16. okanye umka-mntakwenu.

17. Ungaze uhlangane nentombi okanye umzukulwana womfazi owakha wahlangana naye; kaloku bayazalana naye. Into enjalo yintlondi.

18. Ungaze umenze umkakho udade bomkakho lo gama asaphilayo umkakho.

19. “Ungaze uhlangane nomfazi osexesheni, kuba ùya kuxabheleka ngokwenjenjalo.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 18