Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 18:17-30 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ungaze uhlangane nentombi okanye umzukulwana womfazi owakha wahlangana naye; kaloku bayazalana naye. Into enjalo yintlondi.

18. Ungaze umenze umkakho udade bomkakho lo gama asaphilayo umkakho.

19. “Ungaze uhlangane nomfazi osexesheni, kuba ùya kuxabheleka ngokwenjenjalo.

20. Ungaze uhlangane nomfazi wenye indoda, kuba linyala loo nto.

21. Unganikezeli namnye umntwana wakho abe yinto yokwenzela *uMoleki idini, kuba loo nto inyelisa igama loThixo wakho. Nditsho mna Ndikhoyo.

22. Indoda mayingahlangani nenye indoda iyenze umfazi, kuba lisikizi elo.

23. Makungabikho ndoda okanye umfazi ohlangana nesilwanyana; loo ntlondi ilisikizi.

24. Ze ningazingcolisi ngezi ntlondi, kuba iintlanga zazixabhela ngenxa yezi zinto. Nditsho iintlanga ezazimi kulo mhlaba, ezi ngoku mna Ndikhoyo ndizikhuphayo kuwo ukuze kuhlale nina.

25. Iintlondi zazo zada zaxabhela nomhlaba lo, ngoku ke ndiwenze ukuba ubabukule abantu ababewumile.

26-27. Bawenza la manyala onke, baza balingcolisa elo zwe; ke nina maze niwatyeshele. Nditsho kuni nonke, maSirayeli kunye nabangeneleli, kufuneka le miyalelo yam niyigcine,

28. khon' ukuze ningawuxabheli loo mhlaba ude unibukule njengoko wazibukulayo iintlanga ebezihlala kuwo ngaphambi kwenu.

29. Yazini ukuba uyasikwa ebantwini bakaNdikhoyo nabani na owenza la masikizi.”

30. “Thobelani imiyalelo yam,” utsho uNdikhoyo, “ningalinganisi imikhwa yabantu ababehlala apha ngaphambi kwenu. Ze ningazixabheli ngokwenza la manyala. Kutsho mna kaloku, Ndikhoyo, uThixo wenu.”

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 18