Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 18:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wayalela uMosis

2. ukuba axelele amaSirayeli athi: “Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.

3. Sanukulandela imikhwa yabantu baseJiputa, apho benifudula nihlala khona, okanye eyabantu baseKanana, apho ndinisa khona ngoku.

4. Yithobeleni imithetho yam, nenze oko ndiniyalela kona. Ewe, ndim Ndikhoyo uThixo wenu.

5. Nize nihambe ngemimiselo nangemithetho endiza kuniwisela yona; xa niyithobela niya kuphila ngayo. Kutsho mna Ndikhoyo.”

6. UNdikhoyo ke wawisa le mithetho: “Makungabikho ndoda ihlangana nomntu ezalana naye.

7. Uze ungamhlazisi uyihlo ngokuhlangana nonyoko; linyala ukuhlangana nonyoko.

8. Uze ungahlazisi uyihlo ngokuhlangana naye nawuphi na kubafazi bakhe.

9. Ungaze uhlangane nodade wenu, nokuba yintombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, nditsho nokuba ingakhulelanga kowenu.

10. Ungaze uhlangane nomzukulwana wakho; linyala elo.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 18