UmSirayeli oxhela inkomo nokuba yigusha nokuba yibhokhwe, eyixhelela elalini okanye nakuyiphi na enye indawo, waphula umthetho xa loo nto angayenzeli ngasesangweni *lesibingelelo. Umntu ongawuthobelanga lo mmiselo wofana nomntu ophalaze igazi, yaye uya kusikwa kumaSirayeli.