Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 16:19-31 Ibhayibhile (XHO96)

19. aze atshize ngelo gazi kasixhenxe apho eqongeni. Wokwenjenjalo ke ukulicamagushela iqonga lamadini kumlaza wamaSirayeli, alahlulele uNdikhoyo libe ngcwele.

20. Akugqiba uAron ukulicamagushela elona gumbi lingcwele, *nesibingelelo siphela, kunye neqonga, uya kusondeza *kuNdikhoyo laa bhokhwe ihleliyo ibichongelwe ukuthwaliswa izono.

21. Woyibeka izandla entloko, avume phezu kwayo bonke ububi obenziwe ngamaSirayeli, nokungeva kwawo, kunye nezono zawo zonke. Loo bhokhwe ithwaliswe zonke izono iya kukhatshelwa entlango ngumntu otyunjelwe loo nto.

22. Yozithwala zonke izono zabantu loo bhokhwe, iye nazo apho kungahlali mntu khona.

23. Uya kwandula ke ngoku uAron aye esibingelelweni, apho aya kufika akhulule izivatho zobubingeleli abezinxibe ngaphambi kokuba angene kwelona gumbi lingcwele, azishiye apho.

24. Uya kuhlamba umzimba endaweni ekhethekileyo, aze anxibe impahla yakhe eqhelekileyo. Emva koko uya kuphumela ngaphandle, anikele idini elitshiswayo lokucamagushela izono zakhe nelokucamagushela izono zesizwe.

25. Amanqatha edini lesono makawatshisele apho eqongeni.

26. Laa mntu ubeyikhaphele entlango ibhokhwe ethwaliswe izono kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, ngaphambi kokuba abuyele ngaphakathi kwelali.

27. Laa nkunzi yenkomo kunye nalaa bhokhwe yokwenza idini lesono, ezigazi lazo belingeniswe kwelona gumbi lingcwele ukuze ngalo kungxengxezelwe isono, kufuneka zona zikhutshelwe ngaphandle kwelali, zitshiswe apho. Ufele, inyama, kunye nezibilini, kufuneka kutshiswe konke.

28. Umntu otyunjelwe loo msebenzi wokuzitshisa kufuneka ahlambe impahla yakhe, ahlambe nomzimba, ngaphambi kokuba abuyele ngaphakathi kwelali.

29. Ezi zithethe kufuneka zigcinwe ngalo lonke ixesha: Ngosuku lweshumi kwinyanga yesixhenxe kufuneka amaSirayeli, kwakunye nabangeneleli abaphakathi kwawo, bazile, bangenzi namsebenzi.

30. Ngaloo mini makucanyagushwe, khon' ukuze bangabi nasono *kuNdikhoyo.

31. Loo mhla mawube yimini eyodwa abaya kuthi bazile ngayo, bangenzi nomsebenzi lo. Esi mayibe sisithethe esiya kusoloko sigcinwa ngalo lonke ixesha.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 16