Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 16:16-19 Ibhayibhile (XHO96)

16. Ngokwenjenje ke uyalicamagushela elona gumbi lingcwele ekuxajelweni *ngumlaza wamaSirayeli nazizono zokungeva kwawo. Kufuneka ayenze le nto nasesibingelelweni siphela, kuba kaloku simi kanye embindini welali esuleleke ngumlaza.

17. Ukususela ekungeneni kuka-Aron kwelona gumbi lingcwele ukuya kwenza inkonzo yokucamagushela, de abe uphumile, makungangeni namnye umntu esibingelelweni. Akugqiba ukuzicamagushela yena kunye nomzi wakhe kwakunye nebandla likaSirayeli liphela,

18. kufuneka aphume aye kucamagushela iqonga eliphambi koNdikhoyo. Makathathe igazi lalaa nkunzi yenkomo nelalaa bhokhwe, aye kutyikila ngalo iimpondo ezikwiikona zeqonga,

19. aze atshize ngelo gazi kasixhenxe apho eqongeni. Wokwenjenjalo ke ukulicamagushela iqonga lamadini kumlaza wamaSirayeli, alahlulele uNdikhoyo libe ngcwele.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 16