Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 16:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva kokufa koonyana baka-Aron bobabini, abafa ngenxa yokwenzela *uNdikhoyo umlilo ongekho esikweni,

2. uNdikhoyo wathi kuMosis: “Yithi kumntakwenu uAron makangafan' angene nje emva komkhusane kwelona gumbi lingcwele, kuba kulapho ndibonakala khona elifini ngaphezu kwesivalo sokucamagushela setyesi yomnqophiso. Ukuba uyenzile loo nto uya kufa.

3. Angangena kwelona gumbi lingcwele kuphela xa eza nenkunzana yenkomo yedini lesono kunye nenkunzi yegusha yedini elitshiswayo.”

4. Wathi uNdikhoyo uAron aze enze ezi zinto: UAron ngaphambi kokuba angene kwelona gumbi lingcwele kufuneka ahlambe umzimba, afake izivatho ezizodwa zobubingeleli: ihempe yelinen yangapantsi, ibhulukhwe emfutshane, umbhinqo esinqeni, aze athwale iqhiya.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 16