Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 13:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nantsi inkqubo eyanikwa uMosis *nguNdikhoyo:

2. Xa kukho umntu onesilonda, nokuba lithumba, nokuba kukujaduka okungahle kube sisifo solusu esosulelayo, loo mntu kufuneka asiwe kumbingeleli womlibo ka-Aron.

3. Wosixilonga eso silonda umbingeleli. Ukuba ke ubhaqe uboya sebujike bamhlophe, ukanti nesilonda eso ukubhidla kwaso kube nzulu kunolusu olungaphandle, eso silonda ke senziwa sisifo esosulelayo, iqhenqa. Umbingeleli ke uya kwazisa ukuba loo mntu *unomlaza.

4. Ukanti ke ukuba eso sisilonda nje, saye singenzulu kunolusu, noboya bungajikanga baba mhlophe, umbingeleli womgcina bucala loo mntu iintsuku zibe sixhenxe angadibani nabanye.

5. Wophinda amxilonge emva kwezo ntsuku, kuthi ke xa umbingeleli ebona ukuba eso silonda asibhidlanga, sisenjengakuqala, aphinde amgcine bucala kwaesinye isixhenxe seentsuku.

6. Wobuya amxilonge umbingeleli kwakhona emva koko, kuthi ke ukuba eso silonda sirhawukile endaweni yokubhidla, azise ke ukuba loo mntu akanamlaza, uhlambulukile. Loo mntu ke kufuneka ahlambe impahla yakhe, ukuze angabi namlaza.

7. Kodwa ukuba emva koko isilonda sithe sabhidla, kufuneka aye kwakumbingeleli loo mntu kwakhona.

8. Wophinda amxilonge umbingeleli, kuthi ukuba eso silonda siyabhidla, umbingeleli azise ukuba loo mntu unomlaza, unesifo esosulelayo, iqhenqa.IsiHebhere sibiza iqhenqa nezinye iintlobo zezifo zolusu ngegama elinye. Eli gama lidla ngokutolikwa ngeqhenqa, nangona lingathethi lona kuphela.

9. Xa kukho umntu onesifo solusu esosulelayo, kufuneka asiwe kumbingeleli

10. oya kuthi amxilonge. Xa eso silonda saloo mntu sivuthiwe, sinobubovu, sijike noboya baba mhlophe,

11. loo mntu unesifo esibi solusu. Uya kuthi ke umbingeleli azise ukuba lowo unomlaza. Onjalo akayi kuba saba phantsi komgqaliselo, kuba kwaziwa phandle ukuba unomlaza.

12. Xa eso sifo solusu sinwenwe sada sathi gqume wonke umzimba,

13. umbingeleli kufuneka amxilonge lowo. Xa ebona ukuba isifo simthe gqume wonke umzimba, uya kuvakalisa ebantwini ukuba loo mntu akasenawo umlaza ngoku. Ukuba ulusu lwakhe luthe lwajika lwamhlophe, loo mntu uhlambulukile.

14. Kodwa ukuba kuthe kwavela isilonda, usuka kwangoko abe nomlaza.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 13