Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyonqulo 11:34-47 Ibhayibhile (XHO96)

34. Ukutya okugalelwe amanzi akule ngqayi makungatyiwa – kumdaka. Naloo nto iselwayo ibikuloo ngqayi nayo isuka isuleleke.

35. Nantoni na ekuwele kuyo into efileyo kwezi zibaliweyo iba nomlaza; isitovu sodaka, nokuba yimbiza, maziqhekezwe.

36. Kambe wona umthombo nequla azisuleleki xa ziwelwe zezi zinto. Ke yena umntu ozichukumisayo uba nomlaza.

37. Imbewu eza kulinywa ayisuleleki, nokuba idibene nento efileyo kwezi zixeliweyo.

38. Kodwa xa loo mbewu ifakwe emanzini iyasuleleka kukudibana nento efileyo.

39. Xa kufe isilwanyana esityiwayo, umntu osichukumisileyo uba nomlaza kude kutshone ilanga.

40. Nomntu otye inyama yaso, nokuba uyihlambile impahla yakhe, uba nomlaza kude kutshone ilanga. Umntu othe wasithwala sifile isilwanyana kufuneka ayihlambe impahla yakhe, kodwa uba nomlaza kude kutshone ilanga

41-42. Zonke izinambuzane ezirhubuluzayo, nezirhoqozayo, nezinemilenze emine nangaphezulu, zinezothe; mazingatyiwa.

43. Ze ningazifaki umlaza ngokutya ezo zinto.

44. Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu. Yibani ngcwele, kuba mna ndingcwele. Musani ukuzifaka umlaza nangasiphi na isidalwa esirhubuluzayo emhlabeni.

45. NdinguNdikhoyo owanikhupha eJiputa ukuze ndibe nguThixo wenu. Yibani ngcwele, kuba mna ndingcwele.

46. Nango ke umyalelo ophathelele kwizilwanyana, neentaka, nento yonke ehlala emanzini, nezinambuzane.

47. Kufuneka nicalule phakathi kwento ehlambulukileyo nenomlaza, nezinto ezityiwayo nezingàtyiwayo.

funda isahluko epheleleyo Eyonqulo 11