UMosis ubhekise kuAron nakoonyana bakhe uElazare noItamare, wathi: “Musani ukubazilela aba bangasekhoyo. Musani ukuziyeka iinwele zenu zingachazwanga, ningazikrazuli nezambatho zenu hleze nife, abe ke uNdikhoyo angaliqumbela ibandla liphela. Kambe ke onke amanye amaSirayeli wona angayizilela le ntlekele yokufa kwaba bantu ngomlilo othunyelwe nguNdikhoyo.