UMosis wabhekisa kuAron nakoonyana bakhe abaseleyo, uElazare noItamare, wathi: “Ukutya okuseleyo kumnikelo obusenzelwa uNdikhoyo ze nikuthathe nenze izonka ezinganyuswanga, nizityele phaya ngaseqongeni. Kaloku lo ngumnikelo ongcwele.