UNadabhi noAbhihu, oonyana baka-Aron, elowo wathatha umcephe wakhe wamalahle, wagalela amalahle, wafaka nentlaka yesiqhumiso, bazisa phambi *koNdikhoyo. Kambe ke loo mlilo wabo wawunxamnye nomyalelo kaNdikhoyo.