Loo nkunzi iya kuxhelelwa apho phambi kukaNdikhoyo, baze ababingeleli bomlibo ka-Aron balisondeze kuNdikhoyo igazi layo, babuye batshize ngalo amacala onke eqonga lamadini elisekungeneni kwesibingelelo.