Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 9:23-29 Ibhayibhile (XHO96)

23. Ke bona ooShem noYafete bathatha ingubo, baya ngomva kuyise egumbini lakhe, bamambathisa bengamjonganga, ukuze bangamboni ehamba ze.

24. Akuqabuka uNowa, wayiva into eyenziwe ngunyana wakhe oligqibelo,

25. wathi:“Uqalekisiwe uKanana!Uya kuba lixhoba labantakwabo.

26. Mdumiseni *uNdikhoyo uThixo kaShem.UKanana uya kuba likhoboka likaShem.

27. Wanga uThixo angawandisa umhlaba kaYafete;yanga inzala yakhe ingaxhamla amathamsanqa kunye nekaShem;uKanana yena abe likhoboka likaYafete.”

28. UNowa wahlala amakhulu amathathu namashumi amahlanu emva kwemvula kanogumbe,

29. wabhubha emakhulu alithoba namashumi mahlanu ubudala.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 9