Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 9:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. UThixo wamthamsanqelisa uNowa kunye noonyana bakhe, esithi: “Qhamani nande, nizalise ihlabathi ngenzala yenu.

2. Izilo zonke, kwaneentaka neentlanzi, mazinoyike. Zonke ziphantsi kwegunya lenu.

3. Yonke into ephilayo yoba kukutya kwenu. Njengoko ndaninikayo uhlaza, ndininika into yonke ngoku.

4. Into eningayi kuyitya yinyama yento engophanga. Andiyivumeli loo nto, kuba igazi libubomi.

5. Umntu obulala omnye umntu unetyala. Nasiphi na isilwanyana esibulala umntu ndiya kusibulala.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 9