Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 8:8-16 Ibhayibhile (XHO96)

8. UNowa wandulula ihobe ukuya kuhlola ukuba atshile na amanzi.

9. Kodwa alizanga lifumane ndawo yakuhlala ihobe, laza labuyela kuye enqanaweni, kuba umhlaba wawusagqunywe ngamanzi. Wolula isandla uNowa, walibamba, walingenisa enqanaweni.

10. Walinda iintsuku zasixhenxe, waphinda walikhupha ihobe.

11. Labuya ngokuhlwa seliphethe igqabi lomnquma ngomlomo, elalisandul' ukulikha. Waqonda ke uNowa ukuba amanzi athothile.

12. Walinda ezinye iintsuku ezisixhenxe, waza walikhupha kwakhona ihobe. Alizanga liphinde libuye ngesi sihlandlo.

13. Kuthe ke xa uNowa wayemakhulu mathandathu ananye ubudala, ngomhla wokuqala kwinyanga yokuqala, aba seletshonile amanzi emhlabeni. Wawuvula umnyango wenqanawa uNowa, wakhangela ngaphandle macal' onke, wawubona umhlaba womile.

14. Ngomhla wamashumi mabini anesixhenxe, ngenyanga yesibini, laliselome khonkqo ilizwe.

15. UThixo wathi kuNowa:

16. “Phuma enqanaweni kunye nomkakho, noonyana bakho, kunye nabafazi babo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 8