Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 8:17-22 Ibhayibhile (XHO96)

17. Zikhuphe zonke izidalwa ezisenqanaweni, iintaka neenyamakazi, nezinto ezirhubuluzayo, ukuze ziqhame, zande, zizalise ihlabathi.”

18. Waphuma ke uNowa enqanaweni kunye nomkakhe, noonyana bakhe, kunye nabafazi babo.

19. Zonke izidalwa ezishukumayo, iintaka nezilwanyana nezinto ezirhubuluzayo, zaphuma enqanaweni ngokweendidi zazo.

20. Wenza iqonga lamadini *kaNdikhoyo uNowa. Wathatha isilwanyana ngasinye nentaka nganye, kwezo zodidi olutyiwayo, wazinikela zangumbingelelo phezu kwelo qonga.

21. Lamkeleka ivumba lazo kuNdikhoyo, waza wathi: “Andisobe ndiliqalekise ilizwe ngenxa yezenzo zabantu. Kaloku ndiyazi ukuba umntu uneengcinga ezigwenxa kwaeselula. Andisobe ndizitshabalalise izinto eziphilayo njengoko sendenjenjalo.

22. Kuya kusoloko kukho amaxesha okulima namaxesha okuvuna wonke lo gama lisemiyo ilizwe; kuya kubakho ingqele nobushushu, ihlobo nobusika, ubusuku nemini.”

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 8