Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 8:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. UThixo wayengabalibalanga ooNowa nezilwanyana nezilo ezazisenqanaweni kunye nabo. Wavelisa umoya, aza andula ukuthotha amanzi.

2. Yavalwa imithombo yamanzi engaphantsi komhlaba nesesibhakabhakeni, yapheza imvula.

3. Aya ethotha amanzi kwada kwaziintsuku ezilikhulu linamashumi mahlanu.

4. Ngomhla weshumi elinesixhenxe wenyanga yesixhenxe inqanawa yaya kuma phezu kweentaba zeArarati.

5. Aya ephela amanzi, kwathi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi zathi thu iincopho zeentaba.

6. Emva kwamashumi amane eentsuku uNowa wavula ifestile yenqanawa,

7. wakhupha ihlungulu. Lona lamana ukuphaphazela libheka ngapha nangapha, ada atshona amanzi emhlabeni.

8. UNowa wandulula ihobe ukuya kuhlola ukuba atshile na amanzi.

9. Kodwa alizanga lifumane ndawo yakuhlala ihobe, laza labuyela kuye enqanaweni, kuba umhlaba wawusagqunywe ngamanzi. Wolula isandla uNowa, walibamba, walingenisa enqanaweni.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 8