Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 8:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. UThixo wayengabalibalanga ooNowa nezilwanyana nezilo ezazisenqanaweni kunye nabo. Wavelisa umoya, aza andula ukuthotha amanzi.

2. Yavalwa imithombo yamanzi engaphantsi komhlaba nesesibhakabhakeni, yapheza imvula.

3. Aya ethotha amanzi kwada kwaziintsuku ezilikhulu linamashumi mahlanu.

4. Ngomhla weshumi elinesixhenxe wenyanga yesixhenxe inqanawa yaya kuma phezu kweentaba zeArarati.

5. Aya ephela amanzi, kwathi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi zathi thu iincopho zeentaba.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 8