Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 7:14-21 Ibhayibhile (XHO96)

14. Bangenisa kunye nabo nezilwanyana zonke, ezasekhaya nezasendle, ezinkulu nezimfutshane, nazo zonke iindidi zeentaka.

15-16. Kweza inkunzi nemazi yazo zonke izinto eziphilayo, zangena apho enqanaweni ngokomyalelo kaThixo. *UNdikhoyo waluvala ucango akungena uNowa.

17. Yatsho izandyondyo imvula iintsuku zamashumi mane, athi ngokuya esanda amanzi ayifunqula inqanawa.

18. Aye enyuka amanzi, yadada phezu kwawo yona inqanawa.

19. Aphakama amanzi, ada agubungela nezona ziphakamileyo iintaba kulo lonke elimiweyo;

20. anyuka ada aziimitha ezisixhenxe ukusuka encochoyini yeentaba.

21. Kwafa yonke into ephilayo elizweni. Kwafa iintaka, kwafa imfuyo, kwafa iinyamakazi, kwafa nabantu.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 7