Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 7:11-24 Ibhayibhile (XHO96)

11. Wayemakhulu mathandathu ubudala uNowa, ingumhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yesibini xa kwakugqabhuka imithombo yamanzi angaphantsi komhlaba, kuvuleka nemivalo yemisinga esesibhakabhakeni.

12. Yatsho izandyondyo imvula iintsuku ezimashumi mane nobusuku bazo.

13. Ngaloo mini kanye uNowa nomkakhe bangena enqanaweni kunye noonyana babo bobathathu, uShem, noHam, noYafete, kwakunye nabafazi babo.

14. Bangenisa kunye nabo nezilwanyana zonke, ezasekhaya nezasendle, ezinkulu nezimfutshane, nazo zonke iindidi zeentaka.

15-16. Kweza inkunzi nemazi yazo zonke izinto eziphilayo, zangena apho enqanaweni ngokomyalelo kaThixo. *UNdikhoyo waluvala ucango akungena uNowa.

17. Yatsho izandyondyo imvula iintsuku zamashumi mane, athi ngokuya esanda amanzi ayifunqula inqanawa.

18. Aye enyuka amanzi, yadada phezu kwawo yona inqanawa.

19. Aphakama amanzi, ada agubungela nezona ziphakamileyo iintaba kulo lonke elimiweyo;

20. anyuka ada aziimitha ezisixhenxe ukusuka encochoyini yeentaba.

21. Kwafa yonke into ephilayo elizweni. Kwafa iintaka, kwafa imfuyo, kwafa iinyamakazi, kwafa nabantu.

22. Kwafa yonke into ephefumlayo elizweni.

23. Kwatshatyalaliswa yonke into ephilayo elizweni: abantu, neenyamakazi, neentaka. Kwasala uNowa kunye nabo babesenqanaweni kunye naye.

24. Kwada kwaba likhulu linamashumi mahlanu eentsuku engathothi loo manzi.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 7