Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 7:10-17 Ibhayibhile (XHO96)

10. Zagaleleka izandyondyo zemvula emva kweentsuku ezisixhenxe.

11. Wayemakhulu mathandathu ubudala uNowa, ingumhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yesibini xa kwakugqabhuka imithombo yamanzi angaphantsi komhlaba, kuvuleka nemivalo yemisinga esesibhakabhakeni.

12. Yatsho izandyondyo imvula iintsuku ezimashumi mane nobusuku bazo.

13. Ngaloo mini kanye uNowa nomkakhe bangena enqanaweni kunye noonyana babo bobathathu, uShem, noHam, noYafete, kwakunye nabafazi babo.

14. Bangenisa kunye nabo nezilwanyana zonke, ezasekhaya nezasendle, ezinkulu nezimfutshane, nazo zonke iindidi zeentaka.

15-16. Kweza inkunzi nemazi yazo zonke izinto eziphilayo, zangena apho enqanaweni ngokomyalelo kaThixo. *UNdikhoyo waluvala ucango akungena uNowa.

17. Yatsho izandyondyo imvula iintsuku zamashumi mane, athi ngokuya esanda amanzi ayifunqula inqanawa.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 7