Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 7:1-8-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wathi ke *uNdikhoyo kuNowa: “Ngena enqanaweni nomkakho kunye nosapho lwakho. Ndiphawule ukuba nguwe wedwa kwesi sizukulwana olilungisa.

2. Uze ungenise enqanaweni iinyamakazi ezityiwayo zibe ngasixhenxe, ibe yinkunzi nemazi, kodwa kwezingatyiwayo ibe yinkunzi nemazi zibe ngambini,

3. kwaneendidi zeentaka zibe ngasixhenxe, inkunzi nemazi. Loo nto yenzelwa ukuze zonke ezi ndidi zeenyamakazi neentaka zibuye ziqhame kwakhona elizweni.

4. Emva kweentsuku ezisixhenxe ndiza kunisa imvula eya kutsho iintsuku nobusuku ezingamashumi mane, ukuze itshabalalise yonke into ephilayo endayidalayo.”

5. UNowa wayenza yonke into ayiyalelwa nguNdikhoyo.

6. Wayemakhulu mathandathu ubudala uNowa ukufika kwezantyala-ntyala zemvula kanogumbe elizweni.

7. Yena nomkakhe noonyana bakhe kunye nabafazi babo babalekela enqanaweni ukufika kwaloo mvula.

8-9. Kwangena kuloo nqanawa inkunzi nemazi yazo zonke iindidi zeenyamakazi neentaka ezityiwayo nezingatyiwayo ngokomyalelo kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 7