Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 6:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lwakuba lwandile uluntu, luthe saa elizweni, kuzelwe namantombazana,

2. oonyana bakaThixo baphandlwa bubuhle beentombi zabantu, bazikhethela abafazi kuzo ngokuzithandela.

3. Ngoko ke *uNdikhoyo wathi: “Andisayi kubayeka babe zizimakade abantu. Kaloku bangabantu abafayo. Ukususela ngoku abayi kuhlala ngaphezu kwekhulu elinamashumi amabini eminyaka.”

4. Ngezo mini, ukanti nangasemva koko, kwakukho iingxilimbela zabafo elizweni ababezalwa ziintombi zabantu noonyana bakaThixo. Yayingamakroti neendwalutho zamandulo ezo.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 6