Wathi maze bathi kukumkani: “Xa wayeza kubhubha ubawo wayalela mna Josefu, endifungisa ukuba maze ndimngcwabe kwingcwaba awazilungiselela lona eKanana.” Wathi makancede ke ukumkani amvumele aye kungcwaba uyise, uya kubuya abuye.