Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 5:21-32 Ibhayibhile (XHO96)

21. UInoki uzele unyana, uMethusela, xa wayenamashumi mathandathu anantlanu eminyaka.

22. Emva koko uInoki wahlala amakhulu amathathu eminyaka edlelana noThixo. Uphinde wanabanye abantwana.

23. Ubomi ubudle amakhulu mathathu namashumi mathandathu anesihlanu eminyaka.

24. Wayesoloko enobudlelane noThixo ngalo lonke elo xesha. Kamva ke wathi shwaka akaziwa apho akhoyo, kuba wayethathwe nguThixo.

25. UMethusela wazala unyana, uLameki, enekhulu linamashumi asibhozo anesixhenxe.

26. Wahlala amakhulu asixhenxe anamashumi asibhozo anambini. Wazala nabanye abantwana.

27. Wabhubha emakhulu asithoba namashumi mathandathu anesithoba ubudala.

28. ULameki wayenekhulu linamashumi asibhozo anambini ukuzala kwakhe unyana.

29. Wathi yakuvela loo nkwenkwe: “Lo mntwana uza kusithuthuzela ekubulalekeni kulo mhlaba uqalekisiweyo *nguNdikhoyo.” Wathi ke igama lakhe nguNowa.

30. ULameki wahlala amakhulu amahlanu anamashumi asithoba anesihlanu emva koko. Wazala nabanye abantwana.

31. Ubhubhe emakhulu asixhenxe mashumi asixhenxe anesixhenxe ubudala.

32. Akuba makhulu mahlanu eminyaka uNowa wazala oonyana babathathu; yayinguShem, noHam, noYafete.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 5