Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 5:17-28 Ibhayibhile (XHO96)

17. Yena ubhubhe emakhulu asibhozo namashumi asithoba anesihlanu.

18. UJerede wayeneminyaka elikhulu elinamashumi amathandathu anambini ukuzala kwakhe unyana wakhe uInoki.

19. Emva koko uhleli amakhulu asibhozo eminyaka, wazala abanye abantwana.

20. Ubhubhe xa emakhulu asithoba anamashumi amathandathu anesibini ubudala.

21. UInoki uzele unyana, uMethusela, xa wayenamashumi mathandathu anantlanu eminyaka.

22. Emva koko uInoki wahlala amakhulu amathathu eminyaka edlelana noThixo. Uphinde wanabanye abantwana.

23. Ubomi ubudle amakhulu mathathu namashumi mathandathu anesihlanu eminyaka.

24. Wayesoloko enobudlelane noThixo ngalo lonke elo xesha. Kamva ke wathi shwaka akaziwa apho akhoyo, kuba wayethathwe nguThixo.

25. UMethusela wazala unyana, uLameki, enekhulu linamashumi asibhozo anesixhenxe.

26. Wahlala amakhulu asixhenxe anamashumi asibhozo anambini. Wazala nabanye abantwana.

27. Wabhubha emakhulu asithoba namashumi mathandathu anesithoba ubudala.

28. ULameki wayenekhulu linamashumi asibhozo anambini ukuzala kwakhe unyana.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 5