Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 5:1-17 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nanga amagqabantshintshi ngoAdam. (Kaloku uThixo ukudala kwakhe abantu, wabenza bafana naye.

2. Wadala indoda nomntu obhinqileyo, wabathamsanqelisa, wathi bangabantu.)

3. Akuba nekhulu elinamashumi mathathu uAdam, wazala unyana owayefuze yena ncakasana, wathi igama lakhe nguSeti.

4. UAdam wahlala amakhulu asibhozo eminyaka emva koko. Waba nabanye oonyana neentombi.

5. Ubhubhe enamakhulu asithoba namashumi mathathu ubudala.

6. Uthe akuba nekhulu elinesihlanu uSeti, wazala unyana uEnoshe.

7. Yena uhleli amakhulu asibhozo anesixhenxe, wazala abanye abantwana.

8. Wabhubha enamakhulu asithoba aneshumi elinambini leminyaka.

9. UEnoshe yena wayenamashumi asithoba eminyaka ukuzala kwakhe unyana, uKenan.

10. Uhleli amakhulu asibhozo aneshumi elinesihlanu, wazala nabanye abantwana.

11. Ubhubhe enamakhulu asithoba anesihlanu.

12. UKenan yena uzele uMahalaleli xa enamashumi asixhenxe ubudala.

13. Wahlala amakhulu asibhozo namashumi mane; wazala abanye abantwana.

14. Yena ubhubhe enamakhulu asithoba aneshumi leminyaka ubudala.

15. UMahalaleli uzele unyana wakhe uJerede xa wayenamashumi amathandathu anesihlanu ubudala.

16. Uhleli amakhulu asibhozo anamashumi mathathu emva koko, wazala nabanye abantwana.

17. Yena ubhubhe emakhulu asibhozo namashumi asithoba anesihlanu.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 5