Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 49:9-20 Ibhayibhile (XHO96)

9. UJuda ndithi yintw' enga yingonyama,yintw' echwechwel' ixhoba,ibuy' ibuthume esikhundleni sayo;buthuthu izolile, ingabe iphazanyiswe nto.

10. NguJuda opheth' umsimbithi wokulawula.Uya kuhlala elawula njalo,ade afike umniniwo,izizwe zikhahlele kuye ngentobeko.

11. Sisinhanha esibhuqisa kungekavunwa,esindyebo ixhanyulwa naziidonki.Nguhlamba ngewayini,

12. intw' emehlo aligazi kukumfimfith' iwayini,le ntw' imazinyo amhlophe zizapholo.

13. “UZebhulon uye kuma phezu kolwandle;yintw' emanxweme azizikhululo zeenqanawa;yintw' emhlaba uye kuthi xhaxhe ngeSidon.

14. “UIsakare akayidluli nganto imbongolo;yint' ofik' ilele isoyiswa yimithwalo.

15. Kambe ke weva ukuba kumnandi ukubuthuma,nelizwe liyaphumza.Yintw' egob' umqolo, ithwalisw' imithwalo,intw' enyanzelwa okwesicaka emsebenzini.

16. “UDan ngomnye wezindlu zikaSirayeli;nguye umgwebi wabantu bakhe.

17. UDan yinyoka esecaleni lendlela;yinyoka enobuhlungu elalel' ukuluma ihashe esithendeni,khon' ukuze umkhweli limphose phantsi.

18. “*Ndikhoyo, ndilindele ukukhululwa nguwe!

19. “UGadi yena uya kuhlaselwa liqela lezihange,kodwa wojika aziswantsulise.

20. “Umhlaba ka-Ashere uya kuchuma,uvelise ukutya okulungele nkqu neekumkani.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 49